Kwenzekani ukuba uMyalelo woKhuselo wophuliwe?
Ukuba uMmangalelwa wophule uMyalelo woKhuselo ngokuphinda akuphathe gadalala ngokwasemzimbeni okanye ngokukuthuka ngendlela echazwe ekuqaleni kule ncwadana, unokufaka isimangalo kwisikhululo samapolisa uze ufake isiQinisekise SokuBamba emapoliseni aza kuthi wona abambe uMmangalelwa lowo. Esi sigqibo sokwenza uMyalelo weNkundla wokuBamba emva kokwaphulauMthethosesakhongokupheleleyo.Esakubeebanjiwe, uMmangalelwa uza kujongana nezimangalo zolwaphulo mthethoazeaxoxiswekwiNkundlayoLwaphulo-mThetho ngokwaphula uMyalelo woKhuselo.
Ndingawubekela bucala uMyalelo?
Unako,nangaliphinaixesha,ukwenzaisicelosokubauMyaleloubekelwebucala.Nangona kunjalo, kungenogrigo kaMantyi ukuba awubekele ecaleni okanye angawubekeli caleni uMyalelo. Oku kuya kuthetha ukuba uMyalelo woKhuselo uphuthile.
UBulungisa kubaNtwana; iMfundo yoluNtu neeNkonzo zokuDibana ISebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko Umnxeba: 012 315 1111 Ifeksi: 012 315 1851/1810
UMthetho wobuNdlobongela baseKhaya ongunombolo 116 ka-1998 uvumela ukuba ixhoba lodlakathiso ekhaya okanye ubugebenga ukuba lifune uMyalelo woKhuselo kwiNkundla kaMantyi ngomntu avenza; imphatho gadalala. Injongo yale Ncwadana ku-kuxhobisa ixhoba ngolwazi elilufunayo ukuza nesicelo soMyalelo weNkundla woKhuselo ngokwemigqaliselo yomThetho wobuNdlobongela baseKhaya. Amadoda naqwonye nabasetyhini banganetyala, yaye babe ngamaxhoba obuNdlobongela baseKhaya. Ngeenjongo zale Ncwadana nangona kunjalo, siveze ubundlobongela obenziwa nan-jengoko oku kuqhelekile ukwenzeka.
umntu otshatele kuye, nokuba ngokomthetho okanye ngokwesiko;
umlingane wakho (nokuba ngowesini esifanayo okanye esingafaniyo nesakho) ohlala okanye okhe wahlala kunye nawe, nangona beningatshatanga okanye ningenako ukutshata (ukuba umzekelo, omnye wenu wayesele etshatele komnye umntu);
omnye umzali womntwana wakho okanye abantu abohlulelane nawe ngoxan abantu abazalana nawe ngegazi, ngomtshato okanye ngokukhuliswa;
Umba unokudluliselwa komnye umhla weNkundla ukuze uxoxwe. UMabhalana weN-kundla uza kukunceda okanye akudlulisele kumntu oza kukunceda ekuqulunqeni im-pendulo.
Ngomhla wokumanyelwa kwetyala uMantyi uza kuzama ukwenza isigqibo isekwe kwi-iNgxelo eziFungelweyo ezenziwe ngamacala omabini. UMantyi unokubuza omnye wenu okanye nobabini ngengcaciso yemiba ethile. UMantyi unokugqiba ekubeni awuqinisekise uMyalelo, qwubeke bucala uMyalelo, okanye ayalele ukuba ubungqina bomlomo bumanyelwe.
Ukuba uMantyi wanelisekile ukuba iNgxelo eFungelweyo ebhalwe ngum-faki sicelo iqinisekisa ngokucacileyo ukuba impatho gadalala lwenzekile, uMantyi uza kuqinisekisa uMyalelo woKhuselo.
Ukuba uMantyi akakwazi ukwenza isigqibo kumamelo ngenxa yembambano yemiba kwingxelo yelakho icala kunye neloMmangalelwa oko kutsho ukuba kukho imbambano kulwazi olunikwe ngamacala omabini, uMantyi uya kuwumisa umba ewamisela ukuba uxoxwe njengeTyala. Etyaleni, amacala amabini aza kucelwa ukuba anike ubungqina phantsi kwesifungo aze agocagocwe lelinye icala. Omabini amacala aza kuvumeleka ukubiza amangqina kwanokunika nabuphi na ubungqina obubobunye obuza kungqing ityala labo, umzekelo, iziqinisekiso zonyango, iirekhodi zasesibhedlele, iifoto, amaxwebhu njl njl.
Khumbula ukuba ngokwemigqaliselo yoMthetho, amaPolisa kufuneka akuncedise nangayiphi na indlela ebekiweyo kuMyalelo weNkundla, umze-kelo ngokuqokelela izinto zakho, ixwebhu leSAZI-SIsakho, iincwadi zabantwana okanye iimpahla, njl njl. Ukuba ufumanisa ukuba iPolisa aliloncedo yaye liyala ukunceda ngokunxulumene noMy-alelo, oku ungakuxela kwiCandelo eliziMeleyo leziKhalazo.
Ingaba uMmangalelwa uza kubanjwa ngoMyalelo woKhuselo?
UMmangalelwa akazukubanjwa ngokufumana uMyalelo woKhuselo. Kuphela kukulwaphulo lwemiba yomyalelo apho uMmangalelwa anokubanjwa.
Kukuthini ukuDela iNkundla?
Okykuxa uMmangalelwa ewaphule uMyalelo, engaphumelelanga ukuya eNkundleni yoLwaphulo-mthetho ukuya ukuphendula amatyala abekwe wona.
Ndenza ntoni ngobuNgqina beNkonzo?
ukuphathwa gadalala ukungcungcuthek ngokwasemzimbeni iswa ukuchwechwela ukuphathwa gadalala okanyeukufikelela ngokwesondo endlwiningaphandle kwemvume, apho ungahlali khona ukumosha isakhiwo ukuthuka okanye ezinye izinto ezizezomntu nasiphi na isimo esis esinyeesilawulayo la ngokoqoqosho ukuphathwa gadala okanyeesiphatha gadalala kuwe apho eso simo sin-jalo sithi sidale ingozi okanye sinokwenza ingozi ekufuphi kukhuseleko, kwimpilo okanye isoyikiso kulonwabolwakho okanye losaphol-wakho.
Kufuneka ndenze ntoni?
Ukuba uva ukuba ulixhoba lalo naluphi na uhlobo lobundlo-bongela zibekiwe apha ngentla, yiya kwiNkundla kaMantyi vasekuhlaleni uze ucele uncedo ekwenzeni isicelo soMyalelo woKhuselo. UMabhalana weNkundla uza kukuncedisa ekugc-waliseni iifomu ezifunekayo aze akuse kuMantyi oya kugqiba ukuba akunike okanye angakuniki uMyalelo. Iinkcukacha za-banikezeli beenkonzo abanokunika ingcebiso baze bakun-cede kulo mba banikiwe ekuqaleni kwale Ncwadana.
Khumbula ukuba ngamaxesha kaxakeka, le nkonzo ifumaneka iiyure ezingama-
UMabhalana weNkundla uza kukunceda ekugcwaliseni iifomu eziyimfuneko aze akuse phambi kweMantyi.
Yeyiphi iNkundla ekufuneka ndiye kuyo?
Yiya kwiNkundla ekufuphi apho uhlala okanye use-benza khona. Ukuba ubunyanzeliswe ukuba ushiye indawo yakho ohlala kuyo ngenxa yobundlobongela yaye uhla-la kwenye indawo okwexeshana, ungaya kwiNkundla ekufuphi nendawo yexeshana ohlala kuyo.
UMyalelo woKhuselo wexeshana uza kuthini?
UMyalelo weNkundla woKhuselo wexeshana uza kucela uMmangalelwa (umntu owenza impatho gadalala) ukuba angakudlakathisi ngendlela ekubekwe izityholo ngayo kwiNgxelo yakho eFungelweyo.
UMmangalelwa angayalelwa ukuba angakuphathi gadalala ngokwasemzimbeni okanye ngokukuthuka wena okanye abantwana.
Kwiimeko ezibalaseleyo, uMantyi angabona kulungile ukuyalela ukuba uMman-galelwa aphume kwindlu leyo kuhlalwa kunye kuyo okanye amthintele kwiindawo ezithile zendawo ekuhlaliwa kunye kuyo.
Ukuba abantwana bangamaxhoba empatho gadalala, iNkundla inokuyalela ukuba uMmangalelwa angadibani okanye abe nomda othile wokudibana nabantwana.
INkundla inokwenza umyalelo wokunika uncedo lwemali yengxakeko. Oku kuthetha ukuba ukuba ufuna ukubanga iinkcitho zonyango okanye iinkcitho zendawo yokuhlala eyenye ezivele ngqo ngenxa yempatho gadalala, kufuneka uveze isiqinisekiso sezo nkcitho zenziweyo uze ucele iNkundla ukuba ijonge esi sicelo.
INkundla ingayalela amapolisa ukuba ohluthe umpu woMmangalelwa ukuba wenze izoyikiso zokukubulala.
Ukuqonda ngokupheleleyo imo yempatho gadalala ethile ekwehlelayo, iNkundla ixhome-keke kwiNgxelo eFungelweyo oyibhalayo xa usenza isicelo sakho. Ngoko ke kufuneka unike iNkundla lonke ulwazi oluyimfuneko kwiNgxelo yakho eFungelweyo, umzekelo, iinkcu-kacha zezehlo zempatho gadalala, umhla nendawo kunye nemo yesehlo sokugqibela.
Ndenze ntoni ngoMyalelo woKhuselo wexeshana?
UMyalelo weNkundla woKhuselo wexeshana mawunikwe uMmangalelwa (umntu owenza impatho gadalala) ngokukhawuleza. Awunako ukusa uMyalelo kuMmangalel-wa ngokwakho nanjengoko oko kungayi kwenza inkonzo eyiyo. Ngamanye amazwi, ukunikezela uMyalelo woKhuselo luxanduva lomntu onegunya lobugosa oko kutsho iPolisa.. Kufuneka use uMyalelo woKhuselo wexeshana kwi-Ofisi yoMgwe-bi wesithili (Sheriff) okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane nedilesi yendawo yokuhlala okanye asebenza kuyo uMman-galelwa. Kwisikhululo samapolisa, nceda khumbula ukubhala igama kunye/okanye inombolo yebheji yepolisa olinike uMy-alelo. Oku kukunceda ukuba ukwazi ukulandelela uMyalelo nge-linye ixesha. Izikhululo zamapolisa ezininzi zineGosa elonyuliweyo lokuphicotha imiba yobundlobongela basekhaya. Cwangcisa neGosa lobuPolisa ukulanda iMbuyiselo yeNkonzo (ubuNgqina beNkonzo) Oku kuqinisekisa ukuba uMyalelo woKhuselo wexeshana uwunikiwe uMmangalelwa yaye uwufumene ubuqu.Su-kucwangcisela ukuba amapolisa ahambise okanye apose iMbuyise-lo yeNkonzo ngqo eNkundleni nanjengoko oku kucotha kakhulu yaye kungayi eNkundleni ngaphambi komhla wokubuyela.
